5 Kodwa zona izibele zakho, Ndikhoyo, ziye kuthi gaa ngamazulu,nentembeko yakho yaya kuthi ngqu ngamafu.
6 Ukulunga kwakho akugungqi, kunjengentaba;zinzulu njengolwandle zona izigqibo zakho.Uyabanakekela abantu nezilo, wena Ndikhoyo.
7 Hayi izibele zakho, Thixo, ebantwini!Oonyana babantu bazimela phantsi kwephiko lakho.
8 Baxhamla intlutha yendlu yakho;ubaseze kumlambo wokulunga kwakho.
9 Wena ulithende lobomi;ngokhanyiso lwakho sibona ukukhanya.
10 Mazinganqamki izibele zakho kubo bonke abo bakwaziyo,uwabonelele amalungisa.
11 Mandinganyhashwa ngeenyawo ngabanolunya,ndingantlithwa zizandla zabagwenxa.