12 Wena ntombi yaseTire, baya kukucenga bakunyobe;ewe, izinhanha ngeendidi zonke zobutyebi.
13 Phaya entangeni bubuyokoyoko,inkosazana ivath' ezegolide.
14 Nantso irhuqisa ngamawezaweza,irholwa isiwa kukumkani.Nâzo neentombi eziyikhaphileyoziyiphahlile zisiya nayo kuye.
15 Ziyaduda, ziyavuya, ziyamemelela;tsotsololo zagaleleka ebhotwe!
16 Ngxatsho ke, mntwan' omhle!Ezihlangwini zooyihlo kuya kungena abakho oonyana.Wena uya kubathi jize ngobungangamsha,babe zizinxiba-mxhaka ehlabathini liphela.
17 Ke mna ndiya kulubhengeza udumo lwegama lakho.Uya kudunyiswa zizizukulwana ziphela.Ewe, zonke izizwe ziya kutyibela,zikubonga kude kube ngunaphakade.