16 Ngamana kwayindyebo emhlabeni,neencopho zeentaba ziqhame,kuchume njengaseLebhanon.Mabanyakazele abantu ezixekweni,baxel' ingca emadlelweni.
17 Igama lakhe malingaze liphele;malibe sisimakade lixel' ilanga.Ngamana bonk' abantu bamdumisa;ewe, mabamnqwenelele iintsikelelo,zonk' izizwe zimthamsanqele.
18 Ngamana wadunyiswa *uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli,ekukuphela kwakhe owenza imimangaliso enje.
19 Huntshu-u-u!Masibongwe isidima segama lakhe kude kube nini nanini!Ngamana waphuphuma umhlaba sisihomo nesithozela sakhe!Huntshu-u-u!(
20 Iyaphela apha incwadi yemihobe kaDavide unyana kaJese.)