14 Wabakhokela ngelifu emini,ebusuku wabakhokela ngomlilo.
15 Waqhekeza amawa entlango,basela amanzi ampompozayo.
16 Wavelisa imithombo elulwalweni,amanzi aqukuqela ngathi yimilambo.
17 Kodwa baphindelela ukona,bavukelana naye uPhezukonke entlango.
18 Bamvavanya ngabom uThixongokubiza ukutya ababekubawela.
19 Baphoxisa ngoThixo bathi:“Angakuthatha phi na ukutya apha entlango?
20 Ewe, waliqhekeza iliwa, antyunty' amanzi,kwaza kwagqobhoza imilambo.Ewe, makasinik' isonka kaloku,abaph' inyama abantu bakhe.”