19 Baphoxisa ngoThixo bathi:“Angakuthatha phi na ukutya apha entlango?
20 Ewe, waliqhekeza iliwa, antyunty' amanzi,kwaza kwagqobhoza imilambo.Ewe, makasinik' isonka kaloku,abaph' inyama abantu bakhe.”
21 Akuyiva le nto uNdikhoyo wacaphuka,waza wamlenya ngomlilo uYakobi.Ewe, wanoburhalarhume kuSirayeli,
22 kuba bengakholosanga ngoThixo,bengathembanga ukuba angabasindisa.
23 Kambe ke wayalela isibhakabhaka,zaza zavuleka iingcango zezulu,
24 yaza *imana yawa njengemvula,wabanika batya ukutya kwaphezulu.
25 Ewe, abantu batye ukutya kwezithunywa zezulu,baza batya bada bahlutha.